Baphina abandaziyo?
Baphi na abandaziyo?
*
Thixo wam, Thixo wam
Ithambo le nyoka lihlaba
elimzondayo, mna ndenzeni?
Ndicela ukwazi isono sam
Baphi na abandaziyo?
-
Ndizelwe ngu mnntu kantu nam
Ndenzeni kangaka emhlabeni?
Le nto umvambo utya mna ndedwa
Ubusuku nezolo, imihla ngemihla
Tata uphi na kulendlala?
-
Ndichola isinka, ayisosam!
Ndiphiwa isheleni asiyoyam!
Phantsi kwe Bholorho akho mthetho!
Kudliwa efileyo ingavuthwanga injalo
Tywala ndini, baphi na abandaziyo?
-
iNkwawu ityiwa ilila eMdantsane,
iMfene isinda ngogoloza
Ndingakanani ke mna uba ndigoloze?!
Yho ndingakanani, ndingenaye notata!
Mama baphi na ooMalume
-
Ndilanjiswa ngelithini na mna?
Mzali unesibindi osithatha phi?
Tywala! Yayaphi na imfesane kamama?
Indlala idlala ngam mama iza necebo
Wanikezela nje, baphi na abanye abasaziyo?
___
© Lungi Shigo Musa